Mark 12:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Davide ngoko ngokwake uti u yinkosi: aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Sati isininzi esikulu sesihlwele samva ngokuvuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide ngoko ngokwakhe uthi, UyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide ngoko ngokwakhe umbiza ngokuthi, Nkosi; Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Yaye indimbane yamva ngovuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?” Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.