Mark 12:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu.