Mark 13:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa okuya banir̔olayo ukuninikela, ningabi nasitukutezi ngapambili sokuba noteta nto nina, ningabi nakucinga kanjalo; koko into esukuba ninikwa yona ngeloxeshana, le yiteteni: ngokuba kungenini abatetayo, kungumoya oyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona;kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa sukuba ke benirhola, beninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga; uMoya oyiNgcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.