Mark 13:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lindani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo.