Mark 13:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa zilumkeleni nina: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, naniya kutyatyulwa ezindlwini zentlanganiso; ewe, niya kumiswa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala; Niya kubethwa ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zilumkeleni ke okwenu. Baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ningqine kubo.