Mark 14:70 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wabuya wakanyela. Kwaza kwati kwakuba mzuzwana, abo babemi kufupi babuya bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso ungowakubo; ngokuba nawe ungum‐Galili, nokuteta kwako kuyafana nokwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros. Inyaniso, ungowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphinda wakhanyela. Kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona bathi kuPetros, Inyaniso, ungowabo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphinda ke wakhanyela uPetros. Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.”