Mark 16:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kamva wazibonakalisa kubo abalishumi linamnye behleli ekutyeni, watetisa ukungakolwa kwabo nobulukuni bentliziyo, ngenxa yokuba bebengakolwanga ngabo babembonile evukile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko wabonakala kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo, ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile.