Mark 2:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okokuba wangena endlwini katixo, emihleni ka‐Abiyatare umperisite omkulu, watya izonka zokubonakala, ekufanelekile ukuba zityiwe ngabaperisite kupela, wanika nabo abebendawonye naye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okokuba wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.”