Mark 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nase‐Yerusaleme, nase‐Edomeya, napesheya kwe‐Yoredane; bati nabo bangase‐Tire ne‐Tsidone, isihlwele esikulu, bakuva izinto ezingakanana wazenzayo, beza kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
naseYerusalem, nakwaIdume, naphesheya kweYordan; NakwelaseTire neTsidon, inkitha enkulu, yakuva ukuba zininzi kwazo izinto abezenza, yeza kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe.