Mark 5:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselezivumela ke u‐Yesu. Baza bapuma omoya abanco̔lileyo bangena ezihangwini; kekaloku umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, (ngati ke bezingamawaka mabini,) zamiwa elwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.