Mark 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abo ababesalusa ihangu babaleka, bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona ukuba yinto nina eyenzekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto ihlileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo.