Mark 5:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kekaloku umfazi lowo enokwoyika nokungcangcazela, ekwazi nje oko kwenzekileyo kuye, weza wawa pantsi pambi kwake, wamxelela yonke inyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ithe ke intokazi leyo, isoyika, ingcangcazela, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi phambi kwakhe, yamxelela inyaniso yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke.