Mark 5:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bamhleka. Kuloko wati, akuba ebaku̔pile bonke, watabata naye uyise womntwana, nonina, nabo abebenaye, wangena apo alele kona umntwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basuka bamwa ngentsini. Athi akuba ebakhuphele phandle bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana.