Mark 6:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabasukuba benganamkeli nina, bengaweva namazwi enu, niti nakupuma kona, nivutulule utuli olupantsi kwenyawo zenu, kube sisinqi̔no kubo. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom neGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”