Mark 6:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakufika isabata, waqala ukufundisa endlwini yentlanganiso: baza abaninzi bakuva bamangaliswa, besiti: Uzuze pina lo ezizinto? kanjalo bubulumko obunina anikwe bona, ukuba nezizenzo zamandla ezingaka zenziwa ngezandla zake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla engaka yenziwe ngezandla zakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo?