Mark 6:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yakuti kanjalo yangena intombi ka‐Herodiya lowo, yaduda, yamkolisa u‐Herodi nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, wati ukumkani kuyo intombazana leyo: Cela kum into usukuba utanda ukuyicela, ndandiya kuyinika kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yakubon ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.”