Mark 6:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Yizani nina nedwa ngasese endaweni elubala, nize nipumle kube ngumzuzwana: ngokuba bebebaninzi ababesiza nababehamba, bada ababi nalo ixesha elifaneleyo nokuba batye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo;babengenalo ke nethutyana lokuba badle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi kubo: “Yizani ngasese kwindawo engenabantu, niphumle kancinane;” kuba babebaninzi abaphuma bengena, baza ababa nalo nethutyana eli lokuba batye.