Mark 6:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, ukuba bebenjengegusha ezingenamalusi, waqala ukubafundisa into ezininzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi.