Mark 6:56 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalapo asukuba ebengena kona, emizini, umhlaumbi ezixekweni, umhlaumbi emapandleni, babebeka abafayo ezindaweni zentengo, bambongoza ukuba makebacu̔kumise umqukumbelo wengubo yake wodwa; baza bonke ababemcu̔kumisa bapiliswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.