Mark 7:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti nina niti: Xeshekweni atshoyo umntu kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Yikorebane, (oku kukuti: Ngumnikelo,) into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, YiKorbhan, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; uya kukhululwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi