Mark 7:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Ningabo abangenakuqonda kangaka nani na? Aniqondi na ukuba konke okungapandle kwakungena emntwini akungemnco̔lise?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqondi na ukuba yonke into engaphandle ingena emntwini, ayinako ukumenza inqambi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?