Mark 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wesuka apo, waya emideni yase‐Tire ne‐Tsidone; wati akuba engene endlwini, wafuna ukuba kungaziwa mntu; kanti ebengefihlakele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon.Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala.