Mark 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wapendula wati kubo: Ulungisile u‐Yisaya ukuprofitesha ngani bahanahanisi, njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Ababantu bayandidumisa ngenteto yabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo, kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.