Mark 8:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGALEYOMIHLA, isihlwele sisikulu kakulu nje, bengenanto yokutya kanjako, wababiza u‐Yesu abadisipile bake, wati kubo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ngaloo mihla, ekubeni zininzi izihlwele, kungekho nanto idliwayo na, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: