Mark 8:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku wapuma u‐Yesu nabadisipile bake baya emizini yase‐Kesareya‐filipi: waza wati endleleni wabuza kubadisipile bake, esiti kubo: Ngubanina abati abantu ndinguye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya yakwaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”