Mark 8:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni boyise kunye nengelosi ezingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”