Mark 9:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto?