Mark 9:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula kuye u‐Johane, esiti: Mfundisi! sabona umntu eziku̔pa idemoni ngegama lako, ongasilandeliyo; saza samalela, ukuba engasilandeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina;samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYohane wamphendula wathi: “Mfundisi, sabona umntu ekhupha iindimoni egameni lakho, kodwa samalela ke, kuba engasilandeli thina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.”