Matthew 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa esacinga ezizinto, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala kuye epupeni, isiti: Josefe, nyana ka‐Davide! ungoyiki ukutabatela kuwe u‐Mariya umfazi wako; ngokuba oko kukaulweyo pakati kwake kungomoya oyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya, uMoya oyiNgcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.