Matthew 10:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ewe, naniya kusiwa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo nakulaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
niya kusiwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga.