Matthew 10:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku amagama abapostile abalishumi linababini ngawo la: Owokuqala, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amagama ke abapostile abo balishumi elinababini ngawo la:owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngawo la ke amagama abapostile abalishumi elinababini; Owokuqala ibinguSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi;