Matthew 11:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai ubunzima bako, Korazine! hai ubunzima bako, Betesayida! ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuni ukuba zazenzelwe e‐Tire nase‐Tsidone, zinga zibe ziguqukile kade zinentlakantlaka notutu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu.