Matthew 11:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, Kapenayume! opakanyiselweyo kwa sezulwini, uya kuhliselwa kwa sehadesi: ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuwe ukuba zazenzelwe e‐Sodome, inga iba isahleli kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.