Matthew 12:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kubo: Woba nguwupina kuni engumntu, oya kuba nayo igusha, ongayi kuti, nxa yeyele le emnxu̔nyeni ngemini yesabata, ayibambe yona ayinyuse?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Nguwuphi na umntu kuni ongathi, enegusha enye, yaza ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na?