Matthew 12:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko u‐Yesu wazazi izicingo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nazo zonke izixeko, umhlaumbi izindlu, ezipambeneyo ngokwazo, aziyi kuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza; nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayiyi kuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela.