Matthew 12:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo angati nina umntu ukungena endlwini yonamandla, apange impahla zake, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla? waeya kwandul’ ukupanga indlu yake oko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo? andule ke ukuyiphanga indlu yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.