Matthew 12:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yenzani umti ulunge, kulunge nokuqa̔ma kwawo; okanye, yenzani umti ubole, kubole nokuqa̔ma kwawo; ngokuba umti usaziwa ngokuqa̔ma kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenzeni mhle umthi, nesiqhama sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenzani umthi ube mhle, nesiqhamo sawo sibe sihle; okanye niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; ngokuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo.