Matthew 12:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe; ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona: kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona;ke omkhulu kunoYona nanku apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amadoda aseNiniva aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu.