Matthew 12:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone: kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”