Matthew 13:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Baninzi abaprofite n abantu abalungileyo ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”