Matthew 13:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nendyebo ifihlelwe entsimini, ati akuyifumana umntu, ayifihle, aze ngovuyo lwake aye atengise ngako konke anako, ayitenge leyontsimi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu wabufihla; athi ke umntu akuyifumana, ayifihle, aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”