Matthew 14:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi etyanini, watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wati, ekangele ngasezulwini, wabulela, waqezula, wanikela izonka kubadisipile, bati abadisipile banikela kwizihlwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni, wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waziqhekeza ke izonka ezo, wazinika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.