Matthew 14:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Herodi ebembambile u‐Johane, wamnxiba, wamfaka entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe.