Matthew 15:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati izihlwele ezininzi zeza kuye, zizisa nazo iziqwala, imfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zabawisa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu; waza wabapilisa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa.