Matthew 15:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yesu wabiza abadisipile bake, wati: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya; kanjalo anditandi ukubandulula bengatyanga, hleze bacubuke endleleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.”