Matthew 15:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti nina niti: Osukuba esitsho kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Ngumnikelo, into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; akayi kwandula abeke uyise, umhlaumbi unina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo,