Matthew 17:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nditi kuni: u‐Elija usel’ ezile, baye bengamazanga ke, koko benza kuye konke bakwenzayo. Kwa njalo ke nonyana wesintu uza kuva intlungu kwa ngabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”