Matthew 17:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yesu kubo: Kungokungakolwa kwenu; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: xeshekweni ninokolo olungangokozo lwembewu yemositade, niya kutsho kulentaba ukuti: Suka apa uye paya: yaiya kusuka ke: kanjako akuko nto eya kunikohla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, ihambe; kwaye iya kufuduswa; akukho nanye into eya kuninqabela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo. [