Matthew 17:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati: Ewe. Kekaloku okuya ebengene endlwini, u‐Yesu wampangela, esiti: Uti nina wena, Simone? okumkani bomhlaba bamkela kubapina iminikelo nencamlo? kubo onyana babo, kubo abasemzini, kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi, Ewe. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Ewe, uyawurhola.” UPetros akungena endlwini, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Simon, ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?”