Matthew 18:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha ihlabathi ngenxa yezikhubekiso! Kuba kumele ukuba zifike izikhubekiso; yeha ke loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka!